Uphicotho nzulu lobunzululwazi bolwimi olusetyenziswa kwimiyalezo emifutshane yesiXhosa sisini esahlukeneyo

Abstract

Olu phando luza kuthi lubeke umnwe kwindlela ulwimi negrama ezithi zisetyenziswe ngayo kumakhasi onxibelelwano zizini ezahlukileyo. Imiyalezo emifutshane iye yathatha unyawo kule mihla sikuyo. Ukanti kukho nokugxekwa kwayo ngenxa yokuba inempembelelo kuphanzo lolwimi. Olunye uphando olwenziweyo luyaphikisana nale mbono njengokuba lungqina ukuba itextism* ayonakalisi lwazi lwamntu kulwimi. Umahluko ophawulekayo kwimiyalezo ethunyelwa ngamadoda nabafazi awukabonakali uphandiwe esiXhoseni, nto leyo ethe yakhuthaza umphandi ukuba akhe avule indlela. Olu phando lujolise ekuphononongeni igrama yesiXhosa kwimiyalezo emifutshane ethunyelwa zizini ezahlukeneyo. Abathathi nxaxheba kolu phando bayikhethe ngokwabo imiyalezo eza kuthi isetyenziswe kolu phando. Uhlalutyo luza kuthi lujonge ikhophasi engangemiyalezo elikhulu linamashumi mahlanu (150) ethunyelwe ngabathathi nxaxheba abangamashumi amahlanu anesihlanu (55), amadoda angamashumi amabini anesihlanu (25) kunye namabhinqa angamashumi amathathu (30). Abantu abanikezele ngemiyalezo baza kunikwa uxwebhu oluchaza ngeenjongo zolu phando nesizathu sokusebenzisa imiyalezo emifutshane njengomsimelelo wolu phando. Kuza kufuneka batyikitye noxwebhu lwesivumelwano. Yonke le miyalezo ivela kubantu abathetha isiXhosa njengolwimi lwasekhaya. Iminyaka yabantu abanikele ngemiyalezo yabo ngokukhululekileyo iphakathi kwama-25 kunye nama-48. Isizathu sokuba amabhinqa ibe ngawona maninzi anikezele ngemiyalezo kunamadoda sesokuba amadoda ebemadolwa-nzima ukunikezela ngemiyalezo yawo kunamabhinqa. Injongo ibikukufumana amanani alinganayo kwisini ngasinye. Olu phando luza kuthi luthathe indlela yentyila-lwazi njengoko kuza kuthi kuhlalutywe, kucakacwe kuchazwe le miyalezo ikhethelwe uphando. Umphandi uza kuthi asebenzise ingcingane yobunzululwazi yolwimi yoluntu (sociolinguistics*) njengengundoqo kolu phando ze ezinye iingcingane ezifana nefonoloji, isintaksi kunye netextism zisetyenziswe ukuxhasa le ingundoqo

Similar works

Full text

thumbnail-image

South East Academic Libraries System (SEALS)

redirect
Last time updated on 18/12/2019

Having an issue?

Is data on this page outdated, violates copyrights or anything else? Report the problem now and we will take corresponding actions after reviewing your request.